Reading time

“Ubangaba ulwandle luthatha u 70% lwehlabathi, kutheni sisithi kuSemhlabeni apha?

Ingqina lolwandle u Pavs usabela ibali lakhe

Mhla ndiqala ukubona ulwandle, ndathatheka  ngamanziNdalithanda ulwandle kwaye ubudlelwane bethu bothando nolwandle lwaqala ngoko, sathandana nyhani”. UPavz wakhulela e Rhawutini  waqala ukuzifumana ethanda ulwandle xa eneminyaka eyi 16. Ngoku uhlala e Kapa-apho angqongwe ziilwandle ezimbini- ngoku uphangelela  uWWF kwi nkqubo ye SASSI. Eli liphulo lalapha e Mzantsi Afrika lokuGcina kusetyenziswe Ukutya Kwaselwandle ngendlela engenancitho.

 

Umsebenzi wakhe kukwazis noku xhobisa abemi bo Mzantsi  Afrika ukuba bachonge ngobulumko ukutya kwaselwandle abakutyayo nabakuthengayo. Sidibene naye ku Skype sathetha ngolwandle nomsebenzi wakhe obalulekileyo awenzayo uku londoloza ulwandle. Namhlanje usabela ibali lakhe.

become an ocean witness
16 April 2018 | Cape Town, South Africa

Molo Pavs, Enkosi ukuba udibane nathi namhlanje. Kukho ongasixelela kona ngeenkumbulo zakho  uselula ngolwandle?

Ndakhulela e Rhawutini- elona phondo lingqongwe lavalelwa ngumhlaba macal’onke E Mzantsi Afrika-ntoleyo ethetha ukuba ulwandle lwalungeyiyo inxalenye yobomi bam ebuncinaneni. Ukuqala kwam ukubona ulwandle ndandisele ndineminyaka eyi 16. Babeqala abazali bam ukukwazi  ukuba nayo imali yokusisa elwandle silusapho, saya eThekwini kunxweme olusentshona yo Mzantsi Afrika. Ndathi ndakulubona ulwandle, ndathatheka kwangoko ngamanzi. Yintoni eyayiphantsi kwalamanzi  emfihlelo? Yintoni eyenza amaza ehle esonyuka, elatyuza? Izilwanyana ezincinanana ezisematyeni zona ziphila, zikhule njani? Ndandimangaliseke ngaphaya kokuqonda yimimangaliso yasemanzini. Ndaluthanda unxweme nolwandle kwaye ubudlelwane bethu bothando nolwandle lwaqala ngoko, sathandana nyhani.

“Mhla ndiqala ukubona ulwandle, ndathatheka ngamanzi. Ndalithanda ulwandle kwaye ubudlelwane bethu bothando nolwandle lwaqala ngoko, sathandana nyhani.”
Pavs

Luthetha ntoni ulwandle kuwe namhlanje?

Lububomi kwi planethi yethu likwayindawo yemimangaliso, imfihlelo nobuhle. Ulwandle alusiniki nje ukutya singabantu  kuphela lunika lugcine ubomi kule planethi. Luqhuba imozulu, lusinika ulonwabo, luqhuba nezoqoqosho lwethu. Sinxulumene nolwandle njengokuba sinxulumene nomhlaba.

 

EKapa  phantse singqongwe lulwandle macala.  Sinolwandle olubandayo lwe Atlanthic entshona namanzi afudumeleyo olwandle I  IndianOcean emazantsi nase mpuma. Kuhle ukuba seKapa ubenolwandle emnyangweni wakho ngqo, le yinto ekhethekileyo nenqabileyo kananjalo. Kukho I kowuti endiyithandayo xa ungena e Monterey Bay Aquarium e USA: “Kutheni xa lwandle logquma u 70% womhlaba sisithi leplanethi yeyomhlaba? Lekowuti ibisoloko ivakala kum. Bekufaneleke ukuba  iplanethi yethu siyibiza ngo Planethi Manzi. Masiluhloniphe ulwandle siyithathele ingqalelo yonke into olusinika yona.

“Kutheni xa lwandle logquma u 70% womhlaba sisithi leplanethi yeyomhlaba?”
Monterey Bay Aquarium

Zeziphi iinguqu ozibonayo elwandle?

Eyona nto ibuhlungu yeyokuba iinguqu ezininzi endizibonileyo kule minyaka azizizo ezintle. UMzantsi Africa unelifa lokuloba, ukusebenzisa izinto zolwandle nothando olukhulu lokutya kwaselwandle, nam ekukhuleni kwam ndiyayikhumbula  ibaskithi yonke yeendidi-ngeendidi , nezimuncu-muncu zokutya kwaselwandle ezazikho ekhayeni izezethu silusapho.

Kulemihla, okukhoyo kuyintwanana yoko kwakukhoyo ngobuninzi, ubukhulu neendidi, iziphumo kanye zokuloba ngendlela  enencitho, nokuthabatha ngokugqithisileyo nokungenambuyekezo. Ukuthuthela kwam eKapa, eyona nto yayindonwabisa yayikuku hamba hamba elunxwemeni ndifake iinyawo zam elwandle. Yayindinika inzolo,nokucamngca uhamba xa ndinokutsho. Kwakulixesha lam lokuba ndedwa ndizicinge, ndicwangcise ndilungise iingxaki zam, ndivuseleleke. Kodwa ngoku eyona nto ndiyibonayo yinkunkuma kwaye ndichitha ixesha lam ndichola lenkunkuma. Endaweni yokuba ndihambe elwandle ndilahleke kwiingcinga zam, ndigqibela ndicoca ulwandle. Ndiye ndizibuze: Inoba ndinokwazi njani ukuchola yonke into na?

 

Sithatha okuninzi elwandle singaluniki ixesha lokuphumla, siyalungcolisa singayinanzi indlela esixhomekeke kulo ngayo. Iizenzo zethu zenza ndizibuze ukuba silahlekelwe yiyo yonke na imbeko yolwandle?

Yintoni oyibonayo eyenza uzive ukuba silahlekelwe yimbeko yolwandle?

Ndingaqala phi na? Siloba ngendlela engenambuyekezo kwaye iindlela zethu ezininzi zinegalelo elikhulu elibi kwi ecosystem njenge bycatch, esiyilahlayo amaxesha amaninzi. Abantu baloba ngokungekho mthethweni  babambe ngokungekho mthetweni iintlanzi noononkala abasakhulayo. Ndibona iintaka ezininzi zase lwandle zirhintyelwe ziintambo zokuloba emilenzeni yazo, iimpawu zibanjwe ziiplastiki nee turtles ziineentwana zeplastiki ngaphakati eziswini zazo. Silahla izigidi ngezigidi  ze nkunkuma yethu nemigqomo elwandle imihla ngemihla kwaye uluhlu lwezinto esizilajlayo alupheli…

 

Izinto endizibonayo ziyandikhwazela ukuba silahlekelwe yimbeko yendalo nezinto esinika zona? Kum lemikhwazo indenza isithulu kodwa ndiyazi ukuba sinawo amadla nendlela yokutshintsha izinto.

''Ndiyakholelwa ukuba xa sonke sisenza inguqu encinane, singade sifikelele ekwenzeni iinguqu ezinkulu ngenxa yamandla okuncedisana.''
Pavs

Ezi nguqu zikuchaphazela njani wena?

Kowu mandivume, ndiqala ndicaphuke kakhulu ndide ndizive ndibuhlungu kakhulu.Ndicaphukiswa kukungahlonitshwa kolwandle, ngabantu bengcolisa ulwandle besebenzisa uvimba  walo ngendlela engenambuyekezo. Xandithomalala umsindo ndiye ndizixelele ukuba lento eyenzekayo yenziwa kukungaqondi, kwezinye izihlandlo kukuba sengxakini. Ndiye ndithi: Ngumsebenzi wam ke ukwenza utshintsho ndifumane izisombululo. Inyathelo lokuqala kukuzisa iinguqu ngokwenza abantu baqondisise nokubanceda babuyelwe yintlonipho nothando lolwandle esasinalo kwasekuqaleni! So ndiqale ndicaphuke kodwa ke ndiphakame ndithathe amanyathelo. Ndiyakholwa ukuba xa sonke sisenza inguqu encinane, singade sifikelele ekwenzeni iinguqu ezinkulu ngenxa yamandla okuncedisana.”

Ke ngoku, xa uzincama usenza, ziintoni ozenzayo ezinegalelo kwizinto ezenziwa ngabanye abantu kuncediswana nanjengoko utshilo?

Ndibe nethamsanqa kakhulu ukuba usapho lwam lube nenkathalo kwi ndalo nemfundo yam kananjalo. Ngokunokwam, ndiyazam uku recycler kangangoko ndinako kwaye ndiyakunciphisa ukusebenzisa kwam iiplastiki. Andisebenzisi zii earbuds, ii straws nee plastiki ezisetyenziswa kanye kuphela ukuthwala impahla ezivenkileni, ndikwazama nokuzityalela okwam ukutya, njalo, njalo. Kwakhona, ndiyaqinisekisa ukuba  nditya ukutya kwaselwandle ngokungenancitho. Okubalulekileyo, ndiyalisebenzisa ilizwi lam. Ndiyakwazi ukwenza abanye abanye abantu baphendule. Ndiyaya emntwini ndimcele ukuba ayichole inkinkuma yakhe ukuba ndimbone elahla noba yintoni na phantsi. Ndikwababuza ukuba umntu uyasidinga nyhani na istraw. Ndiyasasaza ngenkqubo ka  WWF ye SASSI ndibabonise I App abanokuyisebenzisa ukwenza izigqibo ezilungileyo ngokutya kwase lwandle.

 

Ndiyakholelwa ekubeni sinamandla angummangaliso singabantu okuzama “ukuba lolu tshintsho sifuna ukulubona kwabanye” ( esi sifundo ngobomi ndasifunda kwelinye lamaqhawe am u Mahatma Gandhi). Kukaninzi ndisima phakathi kwabantu, ndichole inkunkuma  ndiyifake emngqomeni okanye ndibuzisise ngokutya kwaselwandle okufakwe kwi menu zendawo zokutyela.  Ulwazi, iimfundiso nezenzo zezona zixhobo zethu zibalulekileyo nekufuneka sabelane ngazo.

Umsebenzi wam wemihla uquka ukuvela neendlela esinganceda ngazo iilwandle zethu , ngoko ke sizincede kwanathi siluluntu. Ngomnye wemisebenzi eyanelisayo lo. Ngalo msebenzi wam ndikwazi ukuthetha nabantu ndibenze bakuchonge ngobulumko ukutya kwaselwandle abakuthengayo, indlela izenzo zabo okanye ukungenzi nto kwabo kungenza umehluko omkhulu. I nkqubo ka WWF-SA ye SASSI iphuhlise irobothi ukwenza lula ukuvavanya  ukutya kwaselwandle. Sisebenzisa iSayensi ukuvavanya iintlobo zezilwanyana zaselwandle ezityiwayo, siye senze uluhlu lwendidi zokutya ngokwe robothi, zikhona iintlobo zezilwanyana esizibeka ku green, ezinye ku orange okanye ku red. Uluhlu olubomvu okanye red lithetha ukuba olo hlobo lwesilwanyana sisengozini, sicela abantu bangasithengi okanye bangasityi. Uluhlaza okanye ululhlu olu green lithetha ukuba uhlobo lwesilwanyana luluqilima, lulotywa ngendlela eyiyo ne zinzileyo, engenancitho, ngoko abathengi bangaluthenga oluhlobo lokutya kwaselwandle bengenaxhala. Uluhlu olu orange luthetha ukuba abathengi kufuneka becinge kabini phambi kokuba batye okanye bathenge oluhlobo lokutya kwaselwandle. Yaye lombala uthetha ukuba kukho inxalabo ngolondolozo loluhlobo lwesilwanyana elwandle. Umsebenzi wam kukucacisa oluluhlu lwe Sayensi nokufundisa ngalo ngeendlela ezonwabisayo nezintsha.

 

Ndiyaqinisekisa ukuba uluntu luyazi futhi luyaqonda ukuba kutheni kufuneka ukutya kwaselwandle kulondoloziwe, nokuba bangazisebenzisa njani izipaji zabo namazwi abo ukuqinisekisa ukuba sihlala sinako ukutya kwaselwandle eetafileni zethu neentlanzi kwiilwandle zethu nangamso.

 

Ndiyawuthanda umsebenzi wam (ixesha elininzi) kuba ndenza umahluko ndikwanceda nokuvelisa iindlela ezintsha ukwenza isimo esibhetele kwiilwandle zethu. Nokubuyisela ixabiso, ukumangaliseka nembeko esasinayo ngeelwandle zethu, kuba ndiyakholelwa ukuba xa uyihloniphile into, uyayikhathalela uyikhusele.

Ucinga ukuba zeziphi izisombululo ezilungele ulondolozo lolwandle?

Enye yeendlela ezibalulekileyo yeyokuba sandise I network yethu  yee Ndawo Zokhuselo Lolwandle , gxebe ii Marine Protected Areas (MPA’s) emhlabeni jikelele. Abantu abaninzi eMzantsi Afrika abaqondi ukuba yintoni i MPA. Abaqondi ukuba kutheni bengenokwazi ukuloba kwii Ndawo Zokhuselo Lolwandle, kwaye rhoqo bakholelwa ukuba ngokuxhasa ii MPAs, sixhasa ukuvaleleka kolwandle eluntwini. Kwilizwe eliphuma kulawulo loBandlululo, inkqubo apho abantu bohlanga oluthile babengavunyelwa ukungena kwiindawo ezithile nokufumana izinto ezithile, khawufane ucinge ke idlela ekunzima ngayo ukubalula imfuneko ye MPA. Ndidla ngokuxelela abantu ukuba ii MPAs zifana nee ndawo zentlalontle; iindawo zokukhusela iintlanzi zikhule, ziphile zizale zingalotywa okanye ziphazanyiswe. Xa unika indawo eselawndle ixesha, iyazihlaziya izibuyisele kwisimo sayo esisiso, ekugqibeleni iintlanzi zakwi MPA zizawuphumela kwiindawo zokuloba. Abantwana baqhele ukundibuza ukuba iyafana na nendawo yokugcina izityalo I nursery. Ngendlela ekhethekileyo I MPA, ifana nkqo nohlobo lwe nursery, iyindawo apho iintlanzi zikhula zikhuselekile. Abantu abadala bona badla ngokuba nemibuzo emininzi ngee MPAs ngenxa ye zinto nezimo zentlalo noqoqosho neziphumo zazo.  Ndiyabacacisela ukuba uqoqosho nengeniso zizawuchaphazeleka kakhulu uba asinazo ii MPAs kuba kaloku iintlanzi esinazo zinokuphanza okanye impilo yolwandle itshabalale. Khumbula, ukuloba kuxhasa iimpilo zabantu abaninzi namashishini.

 

Esinye isisombululo kum kukuloba ngendlela ezinzileyo. Amaxesha amaninzi xa kulotywa, kufa iizilwanyana ezininzi ngenxa ye bycatch okanye ukubambeka kwezinye iizilwanyana ezifana nee turtles, ii sharks, iimpawu neentaka zaselwandle kwiminatha nangona bekulotywa intlanzi ethile kuphela. Ekugqibeleni akuzukwazi ukuloba konke konke xa uqhubeka uloba ngokungakhathali. Ndihleli ndithundeza abantu ukuba bacinge nge ecosystem yolwandle njengendlu entle kakhulu, enziwe ngezitena ezinemibala  emininzi. Isitena ngasinye esinombala simele uhlobo lwesilwanyana oluthile. Uba ufuna ukukhupha ezinye zezitena ezibomvu umzekelo, kodwa uphazame uthathe nakweminye imibala okanye uthathe izitena ezininzi ezibomvu ungabuyiselanga nasinye emva, indlu yakho iyawa kwaye ukuyakha kwakhona kuthatha ixesha futhi iphela ingasaqinanga ngalaa ndlela yayo yakuqala. Ngokufanayo ke, uba ufuna ukuqhubeka uloba wonwabela inzuzo zolwandle, eyona ndlela yokwenza njalo yeyokuba nenkathalo , ngokunembuyekezo nangokuthatha uxanduva. Iyasebenza lendlela, maxesha onke!

 

Okokugqibela  njengazo zonke ii tsheyini zonikezo okanye I supply chain, iimfuno (demand) ziyaludala unikezo okanye ubonelelo (supply). Xa iimfuno zento zikhula, nokuba kungendlela engenambuyekezo, okanye ulondolozo lwalonto lunjani na, kukho umntu ozonikezela ngalonto. Yeyona ntlungu yenyaniso lelizwe esiphila kulo namhlanje leyo.  Kodwa, ukuba sineempembelelo  kwicala leemfuno (demand) senze izigqibo ezi lumkileyo ngokuba sithatha kangakanani njani, siqala ngoko nangoko ukwenza utshintsho nakwicala lonikezo (supply). Ezi nguqu zincinane zezona sizidinga ngeyona ndlela. Yiba nolwazi, yiba nokuqonda, wenze ngenjongo usasaze ulwazi onalo. IIzisombululo ezifana nezi ziyaphatheka kwaye zenzeka lula.

 

Eyona nto imbi sinokuyenza yeyokuba sinqande abantu ukuba bangayenzi into ethile ngaphandle kokubanika enye indlela yokwenza-  ngoko ke soloko unika abantu enye indlela. Okubaluleke ngakumbi kukuba sibabonise ukuba iinguqu okanye utshintsho oluncinane abalwenzayo rhoqo lukhokhelele kwigalelo elihle. Bonisa abantu ii “izavenge” abazifakileyo kwindalo nokuba zinkulu okanye zincinane kangakanani na.

“Bona I ecosystem ngengendlu yezitena. Isitena ngasinye luhlobo lwesilwanyana, xa ukhupha ezininzi izitena ungazihoyi ezinye, indlu yakho iyawa ekugqibeleni.”
Pavs

Luzakukhangeleka njani ulwandle ngo 2030?

Noxa ndikhathazeka nje kodwa ndineengcinga ezakhayo ngoolwandle kwaye ithemba lam lelokuba kuloomsebenzi ungaka neenzame zeeiiorganizations nazabantu abazimeleyo , sizawulakha ulwandle olu luqilima olungapheliyo, sincedisane nempilo kuba xa iilwandle zethu ziphila, nathi siyaphila. Ulwandle luyinxalenye yehlabathi njengomhlaba, amanzi nesibhakabhaka. Zonke ezi ziqu zihambelana zisebenzisane zonke ukusinika iplanethu yethu engumangaliso ehlalekayo. Ndiyathemba ukuba ngoko sobe sesikwazile ukubuyisela imbeko esinayo yolwandle nendalo  futhi ukulusebenzisa ngenkathalo sekuyindlela eqhelekileyo yokuphila. Ndingathanda ukwazi ukuba iiturtles nee whales zethu zizobe zingagcwalanga zii plastiki, ukuba ngokuqinisekileyo sisendleleni eyiyo yoku lungisa zonke iimposiso esazenzayo kwindalo yethu nabahlali bayo. Yiminqweno ndiyazi, kodwa intombi ivumelekile ukuphupha.

Enkosi kakhulu ngokusabela ibali lakho nangezimgcebiso ziphathekayo. ULingqina Lolwandle ngoku, yintoni othanda ukuyitsho kwamanye amangqina olwandle?

“Ndiyanicela,ningayeki ukuthetha ngolwandle. Kufuneka sithethile ngolwandle, sithethe ngamabali ethu, sabelane ngeempumelelo, sense wonke umntu abe yinxalenye yesisombululo kwaye singaze siyeke ukuzama”. Kufuneka sithethile ngabantu namaphulo enza umahluko, abantu abaloba ngendlela ngenancitho, abantu abacoca iilwandle, iindawo ezikhusela izidalwa zolwandle, abantu namashishini aluthathayo uxanduva ngolwandle nendlela abalusebenzisa ngalo novimba walo. Kuyafuneka ukuba sibe kwazi ukuphendula omnye komnye, Amangqina Olwandle kambe Iintshatsheli Zolwandle ngabona bantu kufuneka benze kanye oko.

“Kufuneka sithethile ngolwandle, sithethe ngamabali ethu, sabelane ngeempumelelo, sense wonke umntu abe yinxalenye yesisombululo kwaye singaze siyeke ukuzama”
Pavs

Malunga no Pavs

UPavs wakhulela e Rhawutini waze wafumanisa uthando lwakhe lolwandle xa eneminyaka eli 16 eThekwini eye kwi  holide. Waye wathuthela e Kapa eyofunda izifundo ze Marine Biology wade wahlala apho ukusukela ngoko. UPavz uhlala kwisixeko esisekelwe lulwandle macala omabini-iSixeko saseKapa. UPavz uphangelela u WWF- SA kwinkqubo yabo ye SASSI, South African Sustainable Seafood Initiative (SASSI) program. Eli liphulo lalapha e Mzantsi Afrika lokuGcina kusetyenziswe Ukutya Kwaselwandle ngendlela engenancitho. WWF-SA SASSI iqhuba inguqu kushishino ngokutya kwaselwandle ngokusebenza nabaxhasi nabathengisi bokutya kwaselwandle, ikwazisa ifundise abathengi ukuchonga ukutya kwaselwandle ngendlela engenancitho.

 

UPavz uyakholelwa ekubeni ukufundisa nokusasaza ulwazi kuzawulunceda uluntu ukuba lukhethe ukutya kwaselwandle ngendlela engenancitho, lukhathalele nolwandle kakhulu.

Ingqina lethu Lolwandle , u Jessica, usabela lenkolelo. Unomdla ukuva uluvo lwakhe? Klikha apha ukufunda eli bali. Yeyona nto ke ibali lika Pavz elifana ngayo nawamanye aMangqina Olwandle. Ingqina Lolwandle u Verena naye uthethile ngokubaluleka kokwenza idatha yeSayensi ifikeleleke eluntwini ngokubanzi. Klikha apha ukufumanisa okunye.

share this article

Pavs

Cape Town, South Africa

Pavs grew up in Johannesburg (Gauteng) , she has moved to Cape Town to study Marine Biology and has lived there ever since. Pavs works for the WWF – SA’s South African Sustainable Seafood Initiative (SASSI) program.